Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 23:43-53 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

43. UYesu wathi kuye, Inene, ndithi kuwe, Namhlanje ùya kuba nam eParadisi.*

44. Ke kaloku, kwakumalunga nelixa lesithandathu, kwaza kwakho ubumnyama phezu kwawo umhlaba uphela, kwada kwaba lilixa lesithoba.

45. Lenziwa mnyama ilanga; isikhuselo sendawo eyingcwele sakrazuka phakathi.

46. Wadanduluka ngezwi elikhulu uYesu, wathi, Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam. Uthe akuba etshilo, waphuma umphefumlo.

47. Ke kaloku umthetheli-khulu, akukubona okuhlileyo, wazukisa uThixo, esithi, Inene, lo mntu ubelilungisa.

48. Zathi zonke izihlwele ezabe zibuthelene kuloo mbonelo, zakukubona okuhlileyo, zabuya zibetha izifuba zazo.

49. Baye ke bonke abazana naye bemi kude, nabafazi ababelandelene naye, bevela kwelaseGalili, bezikhangela ezi zinto.

50. Kwaye ke kukho indoda egama linguYosefu, engumphakathi, indoda elungileyo,

51. elilungisa (yona yayingavumelananga necebo labo, nesenzo sabo), eyaseArimatiya, umzi wamaYuda, eyayibulindile nayo ubukumkani bukaThixo;

52. eyathi yona yeza kuPilato, yawucela umzimba kaYesu.

53. Yawuthula, yawusongela kwilinen entle; yawubeka engcwabeni elixholwe etyeni, ekungazanga kulale bani kulo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 23