Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 23:20-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Waphinda ngoko uPilato wathetha nabo, efuna ukumkhulula uYesu.

21. Ke bona bamana benkqangaza, besithi, Bethelela emnqamlezweni; mbethelele emnqamlezweni.

22. Uthe ke yena okwesithathu kubo, Kuba enzé bubi buni na lo? Andifumananga tyala lakufa kuye; ndothi ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule.

23. Bamxina ke bona ngezandi ezikhulu zamazwi, becela ukuba abethelelwe emnqamlezweni; aza ke eyisa amazwi abo, nawababingeleli abakhulu.

24. Usuke ke uPilato wagweba ngelithi, masenziwe isicelo sabo.

25. Wabakhululela ke owayethe ngenxa yesaqunge nokubulala waphoswa entolongweni, lowo babecela yena; wamnikela ekuthandeni kwabo uYesu.

26. Kuthe ke xa bamrholayo, babamba Simon uthile, waseKirene, obevela emaphandleni; bawubeka phezu kwakhe umnqamlezo, ukuba awuthwale emva koYesu.

funda isahluko epheleleyo Uluka 23