Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 23:1-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yesuka yonke inkitha yabo, yamrholela kuPilato.

2. Baqala ke ukummangalela, besithi, Simfumene lo elulahlekisa uhlanga, engavumi ukuba kunikelwe irhafu kuKesare,* esithi, únguKristu* uKumkani yena ngokwakhe.

3. UPilato wambuza ke, esithi, Ùnguye na uKumkani wamaYuda? Umphendule ke yena wathi, Nawe utsho.

4. Uthe ke uPilato kubabingeleli abakhulu nakwizihlwele, Andifumani tyala kuló mntu.

5. Kwaba kukhona ke bajokisayo, besithi, Ùxhokonxa abantu, efundisa kulo lonke elakwaYuda, eqalele kwelaseGalili, wada wezisa apha.

6. Ke kaloku uPilato, akuva elaseGalili, wabuza ukuba umntu lo ngowaseGalili na.

7. Wathi, akuqonda ukuba ngowasebukhosini bukaHerode, wamthumela kuHerode, obe eseYerusalem naye ngaloo mihla.

8. Ke kaloku uHerode, akumbona uYesu, wavuya kunene; kuba bekumzuzu ethanda ukumbona, ngenxa yokuba ebeve kuthethwa izinto ezininzi ngaye; kanjalo wayethembe ukubona umqondiso usenziwa nguye.

9. Wayembuza ke amazwi amaninzi; ke yena akamphendulanga nento.

10. Bema ke ababingeleli abakhulu nababhali, bemmangalela kabukhali.

11. UHerode ke, kwanempi yakhe, wamenza into engento, wadlala ngaye, wamthi wambu ngengubo eqaqambileyo, wamthumela kuPilato.

12. Ngaloo mini baba zizihlobo ke uPilato noHerode; kuba ngenxa engaphambili babenobutshaba phakathi kwabo.

13. Ke kaloku uPilato, ebabizele ndawonye ababingeleli abakhulu, nabaphathi bamaYuda, nabantu, wathi kubo,

14. Nizise kum lo mntu, ngathi ngophambukisa abantu; niyabona ke, ndimncinile mna emehlweni enu, andafumana tyala kulo mntu, kwezo zinto nimmangalele ngazo;

15. kwanoHerode, kuba ndanithumela kuye. Nanku ke kungekho nto ifanelwe kukufa, yenziwe nguye.

16. Ndothi ke ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule.

17. Ke kaloku, ubemelwe kukuthi abakhululele umbanjwa abe mnye, imithendeleko ngemithendeleko.

18. Bankqangaza ke ngokuphela kwabo, besithi, Msuse lo, usikhululele uBharabhas,

19. owayethe, ngenxa yesaqunge esithile, esibe senziwe phakathi komzi, kwanokubulala, waphoswa entolongweni.

funda isahluko epheleleyo Uluka 23