Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 22:59-71 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

59. Kwakuba kuhambe ilixa ngathi linye, omnye uqinisele wathi, Inyaniso, naló ubenaye; kuba ukwangowaseGalili.

60. Uthe ke uPetros, Mntundini, andiyazi into oyithethayo.Kuthe kwangoko, esathetha, yalila inkuku.

61. Yajika iNkosi, yondela kuPetros. Walikhumbula ke uPetros ilizwi leNkosi, njengoko ibithe kuye, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu.

62. Waza uPetros, ephume phandle, walila ngokukrakra.

63. Aye amadoda ambambileyo uYesu edlala ngaye, emtyakatya.

64. Athe akuba emgqubuthele, ambetha ebusweni, ambuza esithi, Profeta; ngubani na lo ukubethileyo?

65. Aye emthethela nezinye izinto ezininzi, enyelisa.

66. Kuthe kwakusa, yahlanganisana intlanganiso yamadoda amakhulu abantu, nababingeleli abakhulu, kwanababhali, bamrholela entlanganisweni yabo yamatyala, besithi,

67. Ukuba ùnguye UKristu* wena, sixelele. Uthe ke yena kubo, Ukuba ndithe ndanixelela, anisayi kukholwa;

68. nokuba ke ndithe ndanibuza, anisayi kundiphendula, anisayi kundikhulula.

69. Ethabathela kweli xa, uNyana woMntu uya kuba ehleli ekunene kwamandla kaThixo.

70. Bathi ke bonke, Ùnguye na ke wena uNyana kaThixo? Úthe ke yena kubo, Nani nithi ndinguye.

71. Bathi ke bona, Sisabufunelani na ubungqina, kuba thina ngokwethu sivile ngomlomo wakhe.

funda isahluko epheleleyo Uluka 22