Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 22:55-64 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

55. Ke kaloku, bakubon' ukuba babàse umlilo phakathi kwentendelezo, behleli phantsi ndawonye, uthe wahlala uPetros phakathi kwabo.

56. Ke umkhonzazana othile umbonile ehleli ebandezini, wamjonga wathi, Naló ube enaye.

57. Wamkhanyela ke yena, esithi, Nkazanandini, andimazi.

58. Kwakuba mzuzwana, omnye wambona wathi, Nawe ungowabo. Wathi ke uPetros, Mntundini, andinguye.

59. Kwakuba kuhambe ilixa ngathi linye, omnye uqinisele wathi, Inyaniso, naló ubenaye; kuba ukwangowaseGalili.

60. Uthe ke uPetros, Mntundini, andiyazi into oyithethayo.Kuthe kwangoko, esathetha, yalila inkuku.

61. Yajika iNkosi, yondela kuPetros. Walikhumbula ke uPetros ilizwi leNkosi, njengoko ibithe kuye, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu.

62. Waza uPetros, ephume phandle, walila ngokukrakra.

63. Aye amadoda ambambileyo uYesu edlala ngaye, emtyakatya.

64. Athe akuba emgqubuthele, ambetha ebusweni, ambuza esithi, Profeta; ngubani na lo ukubethileyo?

funda isahluko epheleleyo Uluka 22