Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 22:36-47 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. Bathi ke bona, Nento le. Ithe ke kubo, Kungokunje, lowo unengxowa yemali makayithabathe, enjenjalo nonengxowa yomphako; nalowo usweleyo, makathengise ngengubo yakhe, athenge ikrele.

37. Kuba ndithi kuni, Oku kubhaliweyo kusamele ukufezeka kum, khona oku: Wabalwa nabachasi-mthetho; kuba kananjalo izinto ezingam zinemfezeko.

38. Bathi ke bona, Nkosi, uyabona, nanga amakrele emabini. Ithe ke yona kubo, Kwanele.

39. Uphumile ke, waya ngokwesiko lakhe eNtabeni yemiNquma, bamlandela ke nabafundi bakhe.

40. Efikile ke kuloo ndawo, wathi kubo, Thandazani, ningangeni ekulingweni.

41. Waziqhiwula yena kubo umgama ongangokugibisela ilitye, waguqa ngamadolo wathandaza, esithi,

42. Bawo, ukuba ùyavuma, mayidlule le ndebe kum; kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo.

43. Kwabonakala ke kuye isithunywa, sivela ezulwini, simomeleza.

44. Uthe ke, eneminzunzu, kwaba kukhona athandaza enyamekile. Kwathi ke ukubila kwakhe kwanga kungamathontsi amakhulu egazi, esiwa emhlabeni.

45. Wavuka ekuthandazeni, weza kubafundi bakhe, wabafumana belele ngokuba buhlungu kwentliziyo.

46. Wathi kubo, Yini na ukuba nilale? Vukani, nithandaze, ukuze ningangeni ekulingweni.

47. Ke kaloku, akubon' ukuba usathetha, kwathi gqi indimbane, waye nalowo kuthiwa nguYuda, omnye weshumi elinababini, ehamba phambi kwabo; wasondela kuYesu eza kumanga.

funda isahluko epheleleyo Uluka 22