Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 22:26-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Ke nina ze ningabi njalo: omkhulu kuni, makabe njengomnci; nongumphathi makabe njengomlungiseleli.

27. Kuba nguwuphi na omkhulu: ngulowo uhleli esithebeni, ngulowo ulungiselelayo, kusini na? Asingulowo uhleli esithebeni na? Ke mna phakathi kwenu ndinjengomlungiseleli.

28. Nina ke ningabo basoloko behleli nam ekulingweni kwam.

29. Nam ndinimisela ubukumkani, njengokuba uBawo endimisele mna, ukuze nidle, nisele,

30. esithebeni sam ebukumkanini bam, nihlale ezitroneni, nigweba izizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.

31. Ithe ke iNkosi, Simon, Simon, úyabona, uSathana ubenibanga, ukuba anelé njengengqolowa.

32. Ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli; nawe ke, xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho.

33. Wathi ke yena kuyo, Nkosi, sendikulungele ukuya nawe nasentolongweni, nasekufeni.

34. Ithe ke yona, Ndithi kuwe, Petros, ayisayi kulila namhlanje inkuku, ungekakhanyeli kathathu ukuba uyandazi.

35. Yathi kubo, Okuyá ndanithuma ningenangxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada, khe naswela nto na?

36. Bathi ke bona, Nento le. Ithe ke kubo, Kungokunje, lowo unengxowa yemali makayithabathe, enjenjalo nonengxowa yomphako; nalowo usweleyo, makathengise ngengubo yakhe, athenge ikrele.

37. Kuba ndithi kuni, Oku kubhaliweyo kusamele ukufezeka kum, khona oku: Wabalwa nabachasi-mthetho; kuba kananjalo izinto ezingam zinemfezeko.

38. Bathi ke bona, Nkosi, uyabona, nanga amakrele emabini. Ithe ke yona kubo, Kwanele.

39. Uphumile ke, waya ngokwesiko lakhe eNtabeni yemiNquma, bamlandela ke nabafundi bakhe.

40. Efikile ke kuloo ndawo, wathi kubo, Thandazani, ningangeni ekulingweni.

funda isahluko epheleleyo Uluka 22