Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 22:21-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Kodwa niyabona, isandla sondingcatshayo sinam etafileni apha.

22. UNyana woMntu okunene uyemka, njengoko kumisiweyo; kodwa ke, yeha, loo mntu angcatshwa nguye!

23. Baqala bona ukubuzana phakathi kwabo, ukuba ingaba ke nguwuphi na kubo, oza kuyenza le nto.

24. Ke kaloku kwabakho nokubangisana phakathi kwabo, kokuthi, nguwuphi na kubo ekungáthiwa ngomkhulu.

25. Uthe ke yena kubo, Ookumkani beentlanga bayazigagamela; kwanâbo benza ngegunya kuzo, kuthiwa ngabancedi.

26. Ke nina ze ningabi njalo: omkhulu kuni, makabe njengomnci; nongumphathi makabe njengomlungiseleli.

27. Kuba nguwuphi na omkhulu: ngulowo uhleli esithebeni, ngulowo ulungiselelayo, kusini na? Asingulowo uhleli esithebeni na? Ke mna phakathi kwenu ndinjengomlungiseleli.

28. Nina ke ningabo basoloko behleli nam ekulingweni kwam.

29. Nam ndinimisela ubukumkani, njengokuba uBawo endimisele mna, ukuze nidle, nisele,

30. esithebeni sam ebukumkanini bam, nihlale ezitroneni, nigweba izizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.

31. Ithe ke iNkosi, Simon, Simon, úyabona, uSathana ubenibanga, ukuba anelé njengengqolowa.

32. Ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli; nawe ke, xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho.

33. Wathi ke yena kuyo, Nkosi, sendikulungele ukuya nawe nasentolongweni, nasekufeni.

34. Ithe ke yona, Ndithi kuwe, Petros, ayisayi kulila namhlanje inkuku, ungekakhanyeli kathathu ukuba uyandazi.

35. Yathi kubo, Okuyá ndanithuma ningenangxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada, khe naswela nto na?

36. Bathi ke bona, Nento le. Ithe ke kubo, Kungokunje, lowo unengxowa yemali makayithabathe, enjenjalo nonengxowa yomphako; nalowo usweleyo, makathengise ngengubo yakhe, athenge ikrele.

37. Kuba ndithi kuni, Oku kubhaliweyo kusamele ukufezeka kum, khona oku: Wabalwa nabachasi-mthetho; kuba kananjalo izinto ezingam zinemfezeko.

funda isahluko epheleleyo Uluka 22