Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 22:2-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Baye ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangáthini na ukumbulala, kuba bebesoyika abantu.

3. Wangena ke uSathana kuYuda, ogama limbi linguSikariyoti, ongowenani labalishumi elinababini.

4. Wemka, waya wathetha nababingeleli abakhulu nabaphathi betempile, ukuba angáthini na ukumnikela kubo.

5. Bavuya, banqophisana naye ukumnika imali, wabavumela,

6. wamana efuna ithuba elimlungeleyo lokumnikela kubo, kungekho siphendu.

7. Wafika ke umhla wezonka ezingenagwele, ekwakumele ukuthi ngawo kubingwe imvana yepasika.

8. Wesusa uPetros noYohane, wathi, Hambani niye kusilungisela ipasika, ukuze sidle.

9. Bathe ke bona kuye, Ùfuna ukuba siyilungise phi na?

10. Úthe ke yena kubo, Yabonani, nákungena kuwo umzi lo, nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni, niye endlwini angena kuyo.

11. Nòthi kumninindlu, Úthi uMfundisi kuwe, Liphi na igumbi labahambi, apho ndingadlela khona ipasika nabafundi bam?

12. Kwayena wonibonisa igumbi eliphezulu elikhulu, landlelwe; lungisani apho ke.

13. Bemka ke, bafumana kunjengoko ebetshilo kubo, bayilungisa ipasika.

14. Uthe ke lakufika ilixa, wahlala phantsi, nabapostile* abalishumi elinababini kunye naye.

15. Wathi kubo, Asikuko nokuba ndinqwenile ukuyidla nani le pasika, ndingekabuva ubunzima.

funda isahluko epheleleyo Uluka 22