Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 22:13-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Bemka ke, bafumana kunjengoko ebetshilo kubo, bayilungisa ipasika.

14. Uthe ke lakufika ilixa, wahlala phantsi, nabapostile* abalishumi elinababini kunye naye.

15. Wathi kubo, Asikuko nokuba ndinqwenile ukuyidla nani le pasika, ndingekabuva ubunzima.

16. Kuba ndithi kuni, Andiyi kubuya ndibe sadla kuyo, ide izaliseke ebukumkanini bukaThixo.

17. Wamkela indebe, wabulela, wathi, Yithabatheni, nabelane ngayo.

18. Kuba ndithi kuni, Andisayi kusela kwisiqhamo somdiliya, bude bufike ubukumkani bukaThixo.

19. Wathabatha isonka, wathi akubulela waqhekeza, wabanika, esithi, Ngumzimba wam lo, onikelwa ngenxa yenu; oku kwenzeleni ukundikhumbula.

funda isahluko epheleleyo Uluka 22