Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 22:11-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Nòthi kumninindlu, Úthi uMfundisi kuwe, Liphi na igumbi labahambi, apho ndingadlela khona ipasika nabafundi bam?

12. Kwayena wonibonisa igumbi eliphezulu elikhulu, landlelwe; lungisani apho ke.

13. Bemka ke, bafumana kunjengoko ebetshilo kubo, bayilungisa ipasika.

14. Uthe ke lakufika ilixa, wahlala phantsi, nabapostile* abalishumi elinababini kunye naye.

15. Wathi kubo, Asikuko nokuba ndinqwenile ukuyidla nani le pasika, ndingekabuva ubunzima.

16. Kuba ndithi kuni, Andiyi kubuya ndibe sadla kuyo, ide izaliseke ebukumkanini bukaThixo.

17. Wamkela indebe, wabulela, wathi, Yithabatheni, nabelane ngayo.

18. Kuba ndithi kuni, Andisayi kusela kwisiqhamo somdiliya, bude bufike ubukumkani bukaThixo.

19. Wathabatha isonka, wathi akubulela waqhekeza, wabanika, esithi, Ngumzimba wam lo, onikelwa ngenxa yenu; oku kwenzeleni ukundikhumbula.

20. Kwangokunjalo nayo indebe wayithabatha, kwakukhovwa ukudliwa, esithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam, eliphalalela nina.

21. Kodwa niyabona, isandla sondingcatshayo sinam etafileni apha.

22. UNyana woMntu okunene uyemka, njengoko kumisiweyo; kodwa ke, yeha, loo mntu angcatshwa nguye!

23. Baqala bona ukubuzana phakathi kwabo, ukuba ingaba ke nguwuphi na kubo, oza kuyenza le nto.

24. Ke kaloku kwabakho nokubangisana phakathi kwabo, kokuthi, nguwuphi na kubo ekungáthiwa ngomkhulu.

funda isahluko epheleleyo Uluka 22