Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 22:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, wawusondela umthendeleko wezonka ezingenagwele, ekuthiwa yipasika.*

2. Baye ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangáthini na ukumbulala, kuba bebesoyika abantu.

3. Wangena ke uSathana kuYuda, ogama limbi linguSikariyoti, ongowenani labalishumi elinababini.

4. Wemka, waya wathetha nababingeleli abakhulu nabaphathi betempile, ukuba angáthini na ukumnikela kubo.

5. Bavuya, banqophisana naye ukumnika imali, wabavumela,

funda isahluko epheleleyo Uluka 22