Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 21:33-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kudlula.

34. Zilumkeleni ke, hleze zisindwe iintliziyo zenu kukuzingxala, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo.

35. Kuba iya kubazela njengomgibe bonke abahleliyo phezu kwehlabathi lonke.

36. Phaphani ngoko, amaxesha onke nikhunga, ukuze kuthiwe nikufanele ukuzisaba zonke ezo zinto ziza kuhla, nokumiswa phambi koNyana woMntu.

37. Ke kaloku, emini ebefundisa etempileni; athi ngobusuku aphume, aye kulala entabeni ekuthiwa yeyemiNquma.

38. Bonke ke abantu babesiza kuye kwakusasa etempileni, ukuba beve ukuthetha kwakhe.

funda isahluko epheleleyo Uluka 21