Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 21:28-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Ke kaloku, zakubon' ukuba ezi zinto ziyaqala ukuhla, sukani nime, niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba iyasondela inkululeko yenu.

29. Wathetha umzekeliso kubo, wathi, Wukhangeleni umkhiwane nemithi yonke;

30. xa iselithe yavelisa amagqabi, niyabona nazi ngokwenu ukuba ihlobo selikufuphi.

31. Kwangokunjalo nani, xa nithe nazibona ezi zinto zisihla, yazini ukuba bukufuphi ubukumkani bukaThixo.

32. Inene ndithi kuni, Asiyi kukha sidlule esi sizukulwana, zide zihle zonke ezi zinto.

33. Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kudlula.

34. Zilumkeleni ke, hleze zisindwe iintliziyo zenu kukuzingxala, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo.

35. Kuba iya kubazela njengomgibe bonke abahleliyo phezu kwehlabathi lonke.

36. Phaphani ngoko, amaxesha onke nikhunga, ukuze kuthiwe nikufanele ukuzisaba zonke ezo zinto ziza kuhla, nokumiswa phambi koNyana woMntu.

funda isahluko epheleleyo Uluka 21