Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 21:14-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Kumiseni ngoko ezintliziyweni zenu, ukuba ningàkucingi ngaphambili ukuziphendulela.

15. Kuba mna ndiya kuninika umlomo nobulumko, abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo, bonke abanichasileyo.

16. Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabazalwana, nayimizalwane, nazizihlobo, kubekho nabababulalayo kuni;

17. nithiywe ngabantu bonke ngenxa yegama lam.

18. Akusayi kutshabalala nonwele olu entlokweni venu.

19. Ekunyamezeleni kwenu, noyizuza imiphefumlo yenu.

20. Xa nithe nayibona iYerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini oko ukuba kusondele ukuphanza kwayo.

21. Ngelo xa mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni, nabo baphakathi kwayo mabaphume bemke, nabo basemaphandleni mabangangeni kuyo.

22. Ngokuba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhaliweyo.

23. Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla; kuba kuya kubakho ingxakeko enkulu phezu kwawo umhlaba, nengqumbo kwaba bantu;

24. bawe ngohlangothi lwekrele, bathinjwe, basiwe kuzo zonke iintlanga, neYerusalem inyathelelwe phantsi ziintlanga, ade azaliseke amaxesha eentlanga.

funda isahluko epheleleyo Uluka 21