Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 21:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku akubheka, wazibona izityebi, ziphosa iminikelo yazo emkhumbini wokulondoloza imali.

2. Wabona ke mhlolokazi uthile ulihlwempu, ephosa apho iimalanana ezimbini.

3. Wathi, Inyaniso ndithi kuni, Lo mhlolokazi usweleyo uphose ngaphezu kwabo bonke;

4. kuba bonke aba baphose eminikelweni kaThixo, bethabatha kwintabalala yabo; ukanti lo, ekusweleni kwakhe, uphose yonke impilo abenayo.

5. Ke kaloku, kwakubon' ukuba abathile bayathetha ngayo itempile, ukuba ihonjiswe ngamatye amahle nangeminikelo, wathi,

6. Ezi zinto nizibona nje, kuya kufika imihla ekungayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.

7. Bambuza ke besithi, Mfundisi, ziya kubakho nini na ke ezi zinto? Úya kuba yintoni na nomqondiso, xa ngaba ezi zinto ziza kubakho?

8. Wathi ke yena, Lumkani ningalahlekiswa; kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu;* ewe, ixesha lisondele; ngoko musani ukubalandela.

9. Xa nithe neva iimfazwe neziphithiphithi, musani ukunkwantya; kuba ezo zinto zimele ukuthi zihle kuqala; sona ke isiphelo asiyi kuba kwaoko.

10. Wandula wathi kubo, Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani.

funda isahluko epheleleyo Uluka 21