Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 20:7-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Baphendula ngokuthi, àbazi ukuba lwaphuma phi na.

8. Wathi ke uYesu kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

9. Ke kaloku waqala wathetha ebantwini lo mzekeliso: Umntu othile watyala isidiliya, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe umzuzu owaneleyo.

10. Wathi ngalo ixesha elifanelekileyo, wathuma umkhonzi kubalimi, ukuba bamnike esiqhameni sesidiliya. Basuka ke bona abalimi bamtyabula, bamndulula elambatha.

11. Waphinda wathuma omnye umkhonzi. Bamtyabula ke nalowo, bamhlazisa, bamndulula elambatha.

12. Waphinda wathuma nowesithathu. Bathi ke bona bamngxwelerha nalowo, bamkhupha.

13. Uthe ke umninisidiliya, Ndiya kuthini na? Ndiya kuthuma unyana wam oyintanda; mhlawumbi, bakumbona, bangamhlonela yena.

14. Bathe ke abalimi, bakumbona, bacamanga bodwa, besithi, Yindlalifa le; yizani siyibulale, ukuze ilifa libe lelethu.

15. Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala. Úya kuthini na ke ngoko kubo umninisidiliya?

16. Uya kufika abatshabalalise abo balimi, asinikele bambi isidiliya eso.Bathe ke bakukuva oko, Mayingabikho loo nto!

17. Wondela ke kubo, wathi, Yintoni na phofu le ibhaliweyo:Ilitye abalicekisáyo abakhi,Lelona laba yintloko yembombo?(INdum. 118:22)

18. Bonke abathe bawa phezu kweli litye, botyumka; ke bona elithe labawela, lobabetha bathi saa.

19. Baza ababingeleli abakhulu nababhali bafuna ukumsa izandla ngelo lixa; boyika abantu, kuba babesazi ukuba uwuthethe esingisele kubo lo mzekeliso.

20. Bamlalela, bathuma iintlola ezizenza amalungisa, ukuba zimbambise ngokuthetha, ukuze bamnikele elulawulweni nasegunyeni lerhuluneli.

21. Zambuza ke zisithi, Mfundisi, siyazi ukuba uthetha ufundise ngobulungisa, ungakhethi buso bamntu; usuka ufundise indlela kaThixo ngenene.

22. Kuvumelekile na ukuba simnike irhafu uKesare,* akuvumelekile, sini na?

23. Ebuqondile kakuhle ubuqhetseba bazo, wathi kuzo, Nindilingelani na?

24. Ndiboniseni idenariyo.* Inomfanekiso nombhalo kabani na? Ziphendule ke zathi, KaKesare.

25. Uthe ke yena kuzo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare; nezinto zikaThixo kuThixo.

26. Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zamangaliswa yimpendulo yakhe, zathi cwaka.

27. Kwafika ke kuye abathile bakubaSadusi, bona abo bakuphikayo ukuba kukho uvuko;

funda isahluko epheleleyo Uluka 20