Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 20:35-47 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. ke bona abo kuthiwe bafanele ukufika kwelo phakade, nakukuvuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa;

36. kuba abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; kanjalo bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo.

37. Ke kaloku, le ndawo yokuba abafileyo bayavuka, noMoses wayithi thupha kwindawo ethetha ngetyholo, xenikweni athi, INkosi inguThixo ka-Abraham, inguThixo kaIsake, inguThixo kaYakobi.

38. AkaThixo ke wabafileyo, ungowabaphilileyo; kuba bonke baphile ngaye.

39. Baphendula ke abathile bakubabhali, bathi, Mfundisi, utyaphile ukutsho.

40. Baye ke bengasenabuganga bakumbuza nento le.

41. Wathi ke kubo, Batsho ngani na ukuthi, uKristu* ungunyana kaDavide?

42. Kanti noDavide yena ngokwakhe uthi encwadini yeeNdumiso,Yathi iNkosi eNkosini yam,Hlala ngasekunene kwam,

43. Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.(INdum. 110:1)

44. UDavide ngoko umbiza ngokuthi, Nkosi; aze abe ke ngunyana wakhe ngani na?

45. Ke kaloku, bakubon' ukuba bayeva bonke abantu, wathi kubafundi bakhe,

46. Balumkeleni ababhali, abathandayo ukuhamba ngeengubo ezinde, bathande imibuliso ezindaweni zembutho, nezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, nezilili zobukhulu ezidlweni;

47. abadla izindlu zabahlolokazi, baze ngokunyhwalaza bathandaze uzungu. Abo baya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 20