Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 20:33-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Eluvukweni ngoko, ungumfazi wawuphi na kubo? Kuba bosixhenxe bebenaye engumfazi.

34. Waphendula ke wathi kubo uYesu, Abeli phakade bayazeka, bayendiswa;

35. ke bona abo kuthiwe bafanele ukufika kwelo phakade, nakukuvuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa;

36. kuba abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; kanjalo bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo.

37. Ke kaloku, le ndawo yokuba abafileyo bayavuka, noMoses wayithi thupha kwindawo ethetha ngetyholo, xenikweni athi, INkosi inguThixo ka-Abraham, inguThixo kaIsake, inguThixo kaYakobi.

38. AkaThixo ke wabafileyo, ungowabaphilileyo; kuba bonke baphile ngaye.

39. Baphendula ke abathile bakubabhali, bathi, Mfundisi, utyaphile ukutsho.

40. Baye ke bengasenabuganga bakumbuza nento le.

41. Wathi ke kubo, Batsho ngani na ukuthi, uKristu* ungunyana kaDavide?

42. Kanti noDavide yena ngokwakhe uthi encwadini yeeNdumiso,Yathi iNkosi eNkosini yam,Hlala ngasekunene kwam,

43. Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.(INdum. 110:1)

funda isahluko epheleleyo Uluka 20