Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 20:29-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana.

30. Nowesibini wamzeka umfazi lowo, wafa naye engenabantwana.

31. Nowesithathu wamzeka; benjenjalo ke bosixhenxe, bafa bengashiyanga bantwana.

32. Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi lowo.

33. Eluvukweni ngoko, ungumfazi wawuphi na kubo? Kuba bosixhenxe bebenaye engumfazi.

34. Waphendula ke wathi kubo uYesu, Abeli phakade bayazeka, bayendiswa;

35. ke bona abo kuthiwe bafanele ukufika kwelo phakade, nakukuvuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa;

36. kuba abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; kanjalo bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo.

37. Ke kaloku, le ndawo yokuba abafileyo bayavuka, noMoses wayithi thupha kwindawo ethetha ngetyholo, xenikweni athi, INkosi inguThixo ka-Abraham, inguThixo kaIsake, inguThixo kaYakobi.

38. AkaThixo ke wabafileyo, ungowabaphilileyo; kuba bonke baphile ngaye.

39. Baphendula ke abathile bakubabhali, bathi, Mfundisi, utyaphile ukutsho.

40. Baye ke bengasenabuganga bakumbuza nento le.

41. Wathi ke kubo, Batsho ngani na ukuthi, uKristu* ungunyana kaDavide?

42. Kanti noDavide yena ngokwakhe uthi encwadini yeeNdumiso,Yathi iNkosi eNkosini yam,Hlala ngasekunene kwam,

43. Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.(INdum. 110:1)

funda isahluko epheleleyo Uluka 20