1. Kwathi ngenye imini, akubon' ukuba uyabafundisa abantu etempileni, eshumayela iindaba ezilungileyo, wafikelwa ngababingeleli abakhulu nababhali, kunye namadoda amakhulu.
2. Bathetha kuye besithi, Sixelele; ùzenza ngagunya lini na ezi zinto? Kanjalo ngubani na okunike eli gunya?
3. Waphendula ke wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye, ize nindixelele ke.
4. Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na?
5. Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?