Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 20:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi ngenye imini, akubon' ukuba uyabafundisa abantu etempileni, eshumayela iindaba ezilungileyo, wafikelwa ngababingeleli abakhulu nababhali, kunye namadoda amakhulu.

2. Bathetha kuye besithi, Sixelele; ùzenza ngagunya lini na ezi zinto? Kanjalo ngubani na okunike eli gunya?

3. Waphendula ke wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye, ize nindixelele ke.

4. Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na?

5. Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?

6. Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini, bonke abantu bosigibisela ngamatye; kuba beyisekile ukuba uYohane ungumprofeti.

7. Baphendula ngokuthi, àbazi ukuba lwaphuma phi na.

8. Wathi ke uYesu kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

9. Ke kaloku waqala wathetha ebantwini lo mzekeliso: Umntu othile watyala isidiliya, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe umzuzu owaneleyo.

10. Wathi ngalo ixesha elifanelekileyo, wathuma umkhonzi kubalimi, ukuba bamnike esiqhameni sesidiliya. Basuka ke bona abalimi bamtyabula, bamndulula elambatha.

11. Waphinda wathuma omnye umkhonzi. Bamtyabula ke nalowo, bamhlazisa, bamndulula elambatha.

funda isahluko epheleleyo Uluka 20