Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 2:47-52 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

47. Basuka bonke ababemphulaphula bathi nqa yingqondo yakhe naziimpendulo zakhe.

48. Bakumbona bakhwankqiswa. Unina wathi kuye, Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam sibe sikufuna, sibuhlungu kakhulu.

49. Wathi kubo, Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo?

50. Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo.

51. Wehla nabo, waya kufika eNazarete, wabalulamela. Wamana ukuzigcina ke unina zonke ezo ndawo entliziyweni yakhe.

52. Waye uYesu ehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu.

funda isahluko epheleleyo Uluka 2