Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 2:4-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Wenyuka ke noYosefu, evela kwelaseGalili, kumzi oyiNazarete, waya kwelakwaYuda, emzini kaDavide, ekuthiwa yiBhetelehem, ngenxa yokuba ebengowendlu kaDavide, engowemizalwane yakhe;

5. esiya kubhalwa, enoMariya, umfazi lowo wayemganelwe, selekhulelwe.

6. Ke kaloku kwathi, xa bakhona, yazaliseka imihla yokuba azale.

7. Wamzala unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, ngenxa enokuba babengenandawo endlwini yabahambi.

8. Kwaye kukho abalúsi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo.

9. Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu.

10. Isithunywa eso sathi kubo, Musani ukoyika; kuba, yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu, oluya kuba kubo bonke bantu;

11. ngokuba nizalelwe namhlanje emzini kaDavide uMsindisi, onguKristu* iNkosi.

12. Nantsi ke into eyoba ngumqondiso kuni: nofumana lusana lusongelweyo eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali.

13. Kwabakho ngesiquphe, ndawonye nesithunywa eso, inkitha yomkhosi wasemazulwini, idumisa uThixo, isithi,

14. Uzuko kuThixo enyangweni,Uxolo emhlabeni,Inkolelo ebantwini.

funda isahluko epheleleyo Uluka 2