Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 2:37-47 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Waye yena engumhlolokazi ominyaka ngathi imashumi asibhozo anaminé, obengemki etempileni, ekhonza uThixo ngokuzila ukudla nangokukhunga ubusuku nemini.

38. Yena wayemele kufuphi ngelo lixa, wathelela ekuyidumiseni iNkosi; wayethetha ngayo kubo bonke abo babelinde ukukhululwa ngentlawulelo, eYerusalem.

39. Bakuba bezigqibile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela kwelaseGalili, emzini wabo iNazarete.

40. Ke kaloku wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni, ezele bubulumko; lwaye nobabalo lukaThixo luphezu kwakhe.

41. Baye ke abazali bakhe behambela eYerusalem, iminyaka ngeminyaka, emthendelekweni wepasika.*

42. Kuthe, xa abe eminyaka ilishumi elinamibini ezelwe, bakubon' ukuba banyuke baya eYerusalem ngokwesiko lomthendeleko lowo,

43. bakubon' ukuba bazigqibile ke iintsuku ezo, ekubuyeni kwabo, umntwana uYesu wasalela eYerusalem.

44. Babengazi ke uYosefu nonina. Babeba ke bona usemkhokweni wabahambi, bahamba uhambo lwamini-nye; bamana bemfuna phakathi kwemizalwana, naphakathi kwabazana nabo.

45. Bathe bakuba bengamfumani, babuyela eYerusalem, bemfuna.

46. Kwathi, emveni kwemihla emithathu, bamfumana etempileni, ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphula, ebuya ebabuza.

47. Basuka bonke ababemphulaphula bathi nqa yingqondo yakhe naziimpendulo zakhe.

funda isahluko epheleleyo Uluka 2