Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 2:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Babesithi bonke baye kubhalwa, athi elowo aye kowakowabo umzi.

4. Wenyuka ke noYosefu, evela kwelaseGalili, kumzi oyiNazarete, waya kwelakwaYuda, emzini kaDavide, ekuthiwa yiBhetelehem, ngenxa yokuba ebengowendlu kaDavide, engowemizalwane yakhe;

5. esiya kubhalwa, enoMariya, umfazi lowo wayemganelwe, selekhulelwe.

6. Ke kaloku kwathi, xa bakhona, yazaliseka imihla yokuba azale.

7. Wamzala unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, ngenxa enokuba babengenandawo endlwini yabahambi.

8. Kwaye kukho abalúsi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo.

9. Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu.

funda isahluko epheleleyo Uluka 2