Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 2:24-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. nokuba benze idini njengoko kutshiwoyo emthethweni weNkosi ukuthi, Isibini samahobe, nokuba ngamagobo amabini amavukuthu.

25. Kwaye ke kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaSirayeli; waye noMoya oyiNgcwele ephezu kwakhe.

26. Wayehlatyelwe nguMoya oyiNgcwele, ukuba akayi kubona kufa, engekamboni uKristu weNkosi.

27. Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenze ngokwesiko lomthetho,

28. yena wamamkelela ezingalweni zakhe, wabonga uThixo, wathi:

29. Ùyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo,Mnini-nto-zonke, ngokwelizwi lakho;

30. Ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho,

31. Olulungisileyo ebusweni bazo zonke izizwe,

32. Isikhanyiso sokutyhilela iintlanga,Uzuko lwabantu bakho, amaSirayeli.

33. Babemangaliswa ooYosefu nonina zezo zinto zithethwayo ngaye.

34. USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina, Ùyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo;

35. ngokokuze zibe nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi; ewe ke, nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha.

36. Kwaye kukho noAna umprofetikazi, intombi kaFanuweli, wesizwe sika-Ashere. Yena waye eselekhulile kakhulu; waye ke ebehleli nendoda iminyaka esixhenxe, ethabathela ebuntombini bakhe.

37. Waye yena engumhlolokazi ominyaka ngathi imashumi asibhozo anaminé, obengemki etempileni, ekhonza uThixo ngokuzila ukudla nangokukhunga ubusuku nemini.

38. Yena wayemele kufuphi ngelo lixa, wathelela ekuyidumiseni iNkosi; wayethetha ngayo kubo bonke abo babelinde ukukhululwa ngentlawulelo, eYerusalem.

39. Bakuba bezigqibile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela kwelaseGalili, emzini wabo iNazarete.

40. Ke kaloku wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni, ezele bubulumko; lwaye nobabalo lukaThixo luphezu kwakhe.

41. Baye ke abazali bakhe behambela eYerusalem, iminyaka ngeminyaka, emthendelekweni wepasika.*

42. Kuthe, xa abe eminyaka ilishumi elinamibini ezelwe, bakubon' ukuba banyuke baya eYerusalem ngokwesiko lomthendeleko lowo,

funda isahluko epheleleyo Uluka 2