Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 2:13-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Kwabakho ngesiquphe, ndawonye nesithunywa eso, inkitha yomkhosi wasemazulwini, idumisa uThixo, isithi,

14. Uzuko kuThixo enyangweni,Uxolo emhlabeni,Inkolelo ebantwini.

15. Kwathi ke, zakumka kubo izithunywa zisiya emazulwini, abantu abo abalusi bathi omnye komnye, Masesihamba sisiya eBhetelehem apho, siyibone le nto ihlileyo, esiyazisiweyo yiNkosi.

16. Beza ngobungxamo, bamfumana uMariya, kwanoYosefu, nalo usana lulele emkhumbini wesitali.

17. Bathi ke, bakubona, balibhengeza ilizwi elabe lithethwe kubo ngaye lo mntwana.

18. Bathi bonke abo bevayo, bamangaliswa zezo zinto zabe zithethwe kubo ngabalusi.

19. Waye ke uMariya ezigcina zonke ezi zinto eziguquguqula entliziyweni yakhe.

20. Babuya abalusi, bemzukisa bemdumisa uThixo, ngenxa yazo zonke izinto ababezivile nababezibonile, njengoko kwabe kuthethiwe kubo.

21. Xeshikweni ke zazizalisekile iintsuku ezisibhozo zokuba umntwana alùswe, wathiywa igama elinguYesu,* elo wabelithiyiwe sisithunywa sezulu, engekamithwa nokumithwa.

22. Xeshikweni ke zazizalisekile iintsuku zokuhlanjululwa kwabo ngokomthetho kaMoses, benyuka naye baya eYerusalem, ukuba bammise phambi kweNkosi,

funda isahluko epheleleyo Uluka 2