Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 19:7-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Baye bonke, bakuyibona loo nto, bekrokra, besithi, Úngené waya kulala kwindoda engumoni.

8. Wema ke uZakeyu, wathi kuyo iNkosi, Uyabona, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu; nokuba ndidlé into kabani ngokumtyhola, ndimbuyisela kané.

9. Uthe ke uYesu kuye, Namhlanje kufiké usindiso kule ndlu, ngokokuba naye engunyana ka-Abraham;

10. kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo.

11. Ke kaloku, bakubon' ukuba bayaziva ezi zinto, uqokele wathetha umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufuphi eYerusalem, nangokuba babesiba ubukumkani bukaThixo buza kubonakala kwangoko.

12. Wathi ngoko, Umntu othile olinene wahambela ezweni elikude, eya kuzamkelela ubukumkani, aze abuye.

13. Ubabizile ke abakhonzi bakhe abalishumi, wabanika iimina* zalishumi, wathi kubo, Rhwebani, ndide ndifike.

14. Ke abemi bomzi wakhe babemthiyile, bathuma izigidimi emva kwakhe, besithi, Asithandi ukuba lo abe ngukumkani phezu kwethu.

15. Kwathi, akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi abebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na.

16. Wavela ke owokuqala esithi, Nkosi, imina yakho izele iimina zalishumi.

17. Uthe kuye, Hee ke, mkhonzi ulungileyo; ngokuba wàba nokuthembeka entweni encinanana, yiba negunya kwimizi elishumi.

18. Weza nowesibini, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zantlanu.

19. Uthe ke nakulowo, Nawe yiba phezu kwemizi emihlanu.

20. Weza nomnye esithi, Nkosi, nantsi imina yakho endibe ndinayo, ndiyibeke eqhiyeni;

21. kuba ndibe ndikoyika wena, ngokuba ungumntu obungqabangqaba, uthabatha into ongayibekanga, uvune into ongayihlwayelanga.

22. Athi ke kuye, Ndiya kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, mkhonzindini ungendawo; ubusazi nje ukuba mna ndingumntu obungqabangqaba, othabatha into angayibekanga, avune into angayihlwayelanga;

23. ibiyini na phofu, ukuba ungayibeki imali yam ebhankini, ndaza mna ekufikeni ndaba ndiyibize inenzala?

funda isahluko epheleleyo Uluka 19