Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 19:37-48 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Ke kaloku, akubon' ukuba selesondele ekuhlèni kwayo iNtaba yemiNquma, yaqala yonke inkitha yabafundi yavuya, yadumisa uThixo ngezwi elikhulu, ngayo yonke imisebenzi yamandla abayibonáyo;

38. besithi, Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi; uxolo emazulwini, uzuko enyangweni.

39. Abathile kubaFarisi esihlweleni apho bathi kuye, Mfundisi, bakhalimele abafundi bakho.

40. Waphendula wathi kubo, Ndithi kuni, kungáthi kuthe cwaka aba, kunkqangaze amatye la.

41. Akusondela, wawubona umzi, wawulilela, esithi,

42. Akwaba ubusazi nawe lo kwangayo yona le mini yakho, izinto ezizezoxolo lwakho! Ke kungoku zifihliwe emehlweni akho.

43. Ngokuba ùya kufikelwa yimihla, eziya kuthi iintshaba zakho zikubiyele ngodonga, zikungqinge, zikuxine ngeenxa zonke,

44. zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi kwakho; zingashiyi nelitye phezu kwelitye phakathi kwakho, ngenxa enokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho.

45. Waza, eye kungena etempileni, waqala ukubakhupha abo babethengisa kuyo, nababethenga;

46. esithi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam yindlu yokuthandaza; ke nina niyenzé umqolomba wezihange.

47. Wayefundisa imihla ngemihla etempileni apho. Baye ke ababingeleli abakhulu nababhali, kwanabaziintloko zabantu, befuna ukumtshabalalisa.

48. Baye ke bengafumani nto bangayenzayo; kuba bonke abantu babenamathele kuye, bemphulaphula.

funda isahluko epheleleyo Uluka 19