Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 19:3-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Yayifuna ukumbona uYesu, ukuba ngubani na; ayaba nako ngenxa yendimbane, ngokuba ngesithomo yayimfutshane.

4. Yagidima ngaphambili, yakhwela kumthombe ukuze imbone; ngokuba ebeza kudlula ngapho.

5. Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wayibona, wathi kuyo, Zakeyu, khawuleza uhle; kuba namhlanje ndimelwe kukuhlala endlwini yakho.

6. Wakhawuleza ke, wehla, wamamkela ngobubele, evuya.

7. Baye bonke, bakuyibona loo nto, bekrokra, besithi, Úngené waya kulala kwindoda engumoni.

8. Wema ke uZakeyu, wathi kuyo iNkosi, Uyabona, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu; nokuba ndidlé into kabani ngokumtyhola, ndimbuyisela kané.

9. Uthe ke uYesu kuye, Namhlanje kufiké usindiso kule ndlu, ngokokuba naye engunyana ka-Abraham;

10. kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo.

11. Ke kaloku, bakubon' ukuba bayaziva ezi zinto, uqokele wathetha umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufuphi eYerusalem, nangokuba babesiba ubukumkani bukaThixo buza kubonakala kwangoko.

12. Wathi ngoko, Umntu othile olinene wahambela ezweni elikude, eya kuzamkelela ubukumkani, aze abuye.

13. Ubabizile ke abakhonzi bakhe abalishumi, wabanika iimina* zalishumi, wathi kubo, Rhwebani, ndide ndifike.

14. Ke abemi bomzi wakhe babemthiyile, bathuma izigidimi emva kwakhe, besithi, Asithandi ukuba lo abe ngukumkani phezu kwethu.

15. Kwathi, akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi abebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na.

funda isahluko epheleleyo Uluka 19