Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 19:29-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Kwathi, akusondela eBhetefage naseBhetani, esingise entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wesusa bababini kubafundi bakhe, wathi,

30. Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nòthi, nakungena kuwo, nifumane ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise.

31. Nokuba ubani uyanibuza, esithi, Yini na ukuba nilikhulule? nòthi ukuthetha kuye, Liyafuneka eNkosini.

32. Basuka ke baya abo babethunyiwe, bafumana kunjengoko abekutshilo kubo.

33. Ke kaloku, bakubon' ukuba bayalikhulula ithole, bathi abaninilo kubo, Nilikhululelani na ithole?

34. Bathi ke bona, Liyafuneka eNkosini.

35. Balizisa kuYesu, baphosa iingubo zabo phezu kwethole elo, bamkhwelisa uYesu.

36. Akubon' ukuba uyahamba ke, bamana bezandlala iingubo zabo endleleni.

37. Ke kaloku, akubon' ukuba selesondele ekuhlèni kwayo iNtaba yemiNquma, yaqala yonke inkitha yabafundi yavuya, yadumisa uThixo ngezwi elikhulu, ngayo yonke imisebenzi yamandla abayibonáyo;

38. besithi, Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi; uxolo emazulwini, uzuko enyangweni.

funda isahluko epheleleyo Uluka 19