Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 19:15-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Kwathi, akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi abebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na.

16. Wavela ke owokuqala esithi, Nkosi, imina yakho izele iimina zalishumi.

17. Uthe kuye, Hee ke, mkhonzi ulungileyo; ngokuba wàba nokuthembeka entweni encinanana, yiba negunya kwimizi elishumi.

18. Weza nowesibini, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zantlanu.

19. Uthe ke nakulowo, Nawe yiba phezu kwemizi emihlanu.

20. Weza nomnye esithi, Nkosi, nantsi imina yakho endibe ndinayo, ndiyibeke eqhiyeni;

21. kuba ndibe ndikoyika wena, ngokuba ungumntu obungqabangqaba, uthabatha into ongayibekanga, uvune into ongayihlwayelanga.

22. Athi ke kuye, Ndiya kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, mkhonzindini ungendawo; ubusazi nje ukuba mna ndingumntu obungqabangqaba, othabatha into angayibekanga, avune into angayihlwayelanga;

23. ibiyini na phofu, ukuba ungayibeki imali yam ebhankini, ndaza mna ekufikeni ndaba ndiyibize inenzala?

24. Wathi kwababemi ngakhona, Mhlutheni imina leyo, niyinike lowo uneemina ezilishumi.

25. Bathi ke kuye, Nkosi, uneemina ezilishumi.

26. Kuba ndithi kuni, Wonke umntu onako uya kunikwa; ongenako ke, uya kuhluthwa kwanoko anako.

27. Ke zona ezo ntshaba zam zazingathandanga ukuba ndibe ngukumkani phezu kwazo, ziziseni apha, nizincinithe phambi kwam.

28. Waye, akuba ezithethile ezi zinto, ehamba ngaphambili, enyuka esiya eYerusalem.

funda isahluko epheleleyo Uluka 19