Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 18:37-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Bayixelela ke ukuba kudlula uYesu waseNazarete.

38. Yabhomboloza isithi, Yesu, nyana kaDavide, ndénzele inceba.

39. Baye abo babehamba ngaphambili beyikhalimela, ukuba ithi tu; kwaba kukhona ke yona ikhalayo ngakumbi, isithi, Nyana kaDavide, ndénzele inceba.

40. Wema ke uYesu, wathi mayiziswe kuye. Yakusondela ke wayibuza, esithi,

41. Ùfuna ukuba ndikwenzele ntoni na? Ithe ke yona, Nkosi, ukuba ndibuye ndibone.

42. UYesu wathi kuyo, Buya ubone; ukholo lwakho lukusindisile.

43. Kwangoko yabuya yabona, yamlandela imzukisa uThixo; bathi bonke abantu, bakukubona oko, badumisa uThixo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 18