Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 18:32-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Kuba uya kunikelwa kuzo iintlanga, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe; zimtyakatye, zimbulale;

33. athi ngomhla wesithathu abuye avuke.

34. Bona àbaqondanga nento kwezi zinto; laye neli lizwi lifihlakele kubo, babengazazi izinto ezithethwayo.

35. Kwaye ke kaloku, ekusondeleni kwakhe eYeriko, kuhleli imfama ethile ngasendleleni, ingqiba.

36. Ithe yakuva kudlula isihlwele, yamana ibuza ukuba ingaba yintoni na le.

37. Bayixelela ke ukuba kudlula uYesu waseNazarete.

38. Yabhomboloza isithi, Yesu, nyana kaDavide, ndénzele inceba.

39. Baye abo babehamba ngaphambili beyikhalimela, ukuba ithi tu; kwaba kukhona ke yona ikhalayo ngakumbi, isithi, Nyana kaDavide, ndénzele inceba.

40. Wema ke uYesu, wathi mayiziswe kuye. Yakusondela ke wayibuza, esithi,

41. Ùfuna ukuba ndikwenzele ntoni na? Ithe ke yona, Nkosi, ukuba ndibuye ndibone.

42. UYesu wathi kuyo, Buya ubone; ukholo lwakho lukusindisile.

funda isahluko epheleleyo Uluka 18