Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 18:24-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. UYesu akumbona ke ebuhlungu kakhulu, wathi, Hayi, ukuba ngenkankulu, ukuthi abo banobutyebi bangene ebukumkanini bukaThixo.

25. Kuba kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.

26. Báthi ke abo bevayo, Ngubani na ke ongásindiswayo?

27. Uthe ke yena, Izinto ezingenakwenzeka kubantu, zinokwenzeka kuye uThixo.

28. Uthe ke uPetros, Uyabona, thina sishiye izinto zonke, sakulandela.

29. Uthe ke yena kubo, Inene, ndithi kuni, Akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabazali, nokuba ngabazalwana, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, ngenxa yobukumkani bukaThixo,

30. ongasayi kwamkela izinto eziphindaphindiweyo ngalo eli xesha, aze ngelo lizayo iphakade amkele ubomi obungunaphakade.

31. Ke kaloku ubathabathile abalishumi elinababini, wathi kubo, Niyabona, siyenyuka, siya eYerusalem; zaye ziya kuphelela zonke izinto ezibhaliweyo ngabaprofeti, kuye uNyana woMntu.

32. Kuba uya kunikelwa kuzo iintlanga, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe; zimtyakatye, zimbulale;

33. athi ngomhla wesithathu abuye avuke.

34. Bona àbaqondanga nento kwezi zinto; laye neli lizwi lifihlakele kubo, babengazazi izinto ezithethwayo.

35. Kwaye ke kaloku, ekusondeleni kwakhe eYeriko, kuhleli imfama ethile ngasendleleni, ingqiba.

36. Ithe yakuva kudlula isihlwele, yamana ibuza ukuba ingaba yintoni na le.

funda isahluko epheleleyo Uluka 18