Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 18:2-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Kwaye kukho umgwebi emzini othile, ongamoyikiyo uThixo, ongamhloneleyo nomntu.

3. Bekukho ke umhlolokazi othile kuloo mzi, obemana ukuza kuye, esithi, Ndíkhulule kummangaleli wam.

4. Kwaba mzuzu engavumi; kodwa kamva wathi ngaphakathi kwakhe, Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingamhlonele nomntu:

5. noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endibulala, ndomlungisa, ndimkhulule, hleze ade eze andaphule.

6. Ithe ke iNkosi, Kuveni okuthethwa ngumgwebi ongalungisiyo.

7. Ke yena uThixo akayi kukha abalungise na abanyulwa bakhe, abakhala kuye imini nobusuku, noko azeka kade umsindo ngabo?

funda isahluko epheleleyo Uluka 18