Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 18:13-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Waye umbuthi werhafu emi kude, engathandi nokuphakamisela amehlo akhe ezulwini; wamana ukubetha esifubeni sakhe, esithi, Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.

14. Ndithi kuni, Wehla lo waya endlwini yakhe, egwetyelwe yena kunalowa; ngokuba wonke umntu oziphakamisayo uya kuthotywa; nozithobayo ke uya kuphakanyiswa.

15. Ke kaloku baye bezisa kuye neentsana zabo, ukuze azichukumise; bebonile ke abafundi, babakhalimela.

16. Ke yena uYesu wazibizela kuye, wathi, Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli; kuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo.

17. Inene, ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akasayi kukha angene kubo.

18. Umphathi othile wambuza, esithi, Mfundisi ulungileyo, mandenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?

19. Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo.

20. Ùyayazi imithetho: musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqina ubuxoki, beka uyihlo nonyoko.

21. Uthe ke yena, Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam.

22. Ekuvile ke oko uYesu, wathi kuye, Kusekho ntonye uyisweleyo; zonke izinto onazo thengisa ngazo, wabele amahlwempu; woba nobutyebi ke emazulwini; uze undilandele.

23. Ezivile ke ezo ndawo, waba buhlungu kakhulu; kuba ube esisityebi kunene.

24. UYesu akumbona ke ebuhlungu kakhulu, wathi, Hayi, ukuba ngenkankulu, ukuthi abo banobutyebi bangene ebukumkanini bukaThixo.

25. Kuba kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.

26. Báthi ke abo bevayo, Ngubani na ke ongásindiswayo?

27. Uthe ke yena, Izinto ezingenakwenzeka kubantu, zinokwenzeka kuye uThixo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 18