Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 17:5-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Abapostile* bathi eNkosini, Songezelele ukholo.

6. Ithe ke iNkosi, Ukuba beninokholo olunjengokhozo lwemostade, beningáthi kulo mthombe, Ncothuka, utyaleke phakathi elwandle; uze unive.

7. Ngubani na ke kuni, enomkhonzi elima, mhlawumbi esalúsa, oya kuthi, akungena evela entsimini, athi kwaoko kuye, Yiza uhlale phantsi;

8. ongàyi kuthi kanye kuye, Lungisa into endiya kuyidla, uze ubhinqe, undilungiselele, ndide ndidle ndisele; wòthi emva koko udle usele nawe?

9. Angánombulelo kuloo mkhonzi yini na, ngokuba enze izinto azimiselweyo? Anditsho mna.

funda isahluko epheleleyo Uluka 17