Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 17:22-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Wathi ke kubo abafundi, Kuya kufika mihla, niya kunqwenela ngayo ukuwubona noko umnye umhla woNyana woMntu, ningawuboni;

23. baya kuthi ke kuni, Nanku apha! Nankuya phaya! Musani ukuya, ningaphuthumi nokuphuthuma.

24. Kuba kwanjengokuba umbane ubaneka, uphuma kwelinye icala eliphantsi kwezulu, ukhanye usingise kwelinye eliphantsi kwezulu, uya kuba njalo noNyana woMntu ngomhla wakhe.

25. Kodwa kuqala umelwe kukuthi eve ubunzima obuninzi, alahlwe sesi sizukulwana.

26. Njengoko kwaye kuhlé ngemihla kaNowa, koba njalo nangemihla yoNyana woMntu.

27. Babesidla, babesela, babezeka, babesendisa, kwada kwayimini awangena ngayo uNowa emkhombeni; wafika unogumbe, wabatshabalalisa bonke.

28. Njengoko kwaye kunjalo nangemihla kaLote; babesidla, babesela, babethenga, babethengisa, babetyala, babesakha;

29. kodwa ngemini awaphuma ngayo uLote eSodom, kwaná umlilo nesulfure ezulwini, batshatyalaliswa bonke.

30. Kuya kuba kwanjengoko ngemini atyhileka ngayo uNyana woMntu.

31. Ngaloo mini, oya kuba phezu kwendlu, zibe iimpahla zakhe zisendlwini, makangehli aye kuzithabatha. Kwangokunjalo, nosentsimini makangabuyeli kwezisemva.

32. Khumbulani umkaLote.

33. Othe wafuna ukuwushindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; othe wawulahla, uya kuwulondoloza.

34. Ndithi kuni, Ngobo busuku ababini boba sililini sinye; omnye amkelwe, omnye ashiywe.

35. Amankazana amabini oba esila ndawonye; enye yamkelwe, enye ishiywe.

36. Abantu ababini boba sentsimini; omnye amkelwe, omnye ashiywe.

37. Baphendula bathi kuye, Phi na, Nkosi? Ithe ke yona kubo, Apho sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.

funda isahluko epheleleyo Uluka 17