Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 17:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathi ke kubo abafundi, Azinakuba zingezi izikhubekiso; yeha ke, loo mntu ziza ngaye!

2. Angásizakala kanye, ethe wagangxwa ilitye lokusila entanyeni yakhe, wajulelwa elwandle, kunokuba akhubekise noko amnye kwaba bancinane.

3. Zilumkeleni; ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, mkhalimele; ukuba uthe waguquka, mxolele.

4. Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi, Ndiyaguquka, wòthi umxolele.

5. Abapostile* bathi eNkosini, Songezelele ukholo.

6. Ithe ke iNkosi, Ukuba beninokholo olunjengokhozo lwemostade, beningáthi kulo mthombe, Ncothuka, utyaleke phakathi elwandle; uze unive.

7. Ngubani na ke kuni, enomkhonzi elima, mhlawumbi esalúsa, oya kuthi, akungena evela entsimini, athi kwaoko kuye, Yiza uhlale phantsi;

8. ongàyi kuthi kanye kuye, Lungisa into endiya kuyidla, uze ubhinqe, undilungiselele, ndide ndidle ndisele; wòthi emva koko udle usele nawe?

9. Angánombulelo kuloo mkhonzi yini na, ngokuba enze izinto azimiselweyo? Anditsho mna.

10. Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazenza zonke izinto enazimiselwayo, yithini, Singabakhonzi abangancedi lutho; ngokuba sanele ukwenza oko besimelwe kukuthi sikwenze.

11. Kwathi ekuhambeni kwakhe ukuya eYerusalem, wacanda phakathi kwelamaSamariya nelaseGalili yena.

funda isahluko epheleleyo Uluka 17