Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 16:27-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Sathi, Ndiyakucela ngoko, bawo, ukuba umthume endlwini kabawo;

28. kuba ndinabazalwana abahlanu; ukuba abaqononondise, ukuze bangàthi nabo beze kule ndawo yentuthumbo.

29. Athi uAbraham kuso, BanoMoses nabaprofeti, mabeve bona.

30. Sithe ke sona, Hayi, bawo Abraham; ukuba kuthe kwaya kubo ovela kwabafileyo, boguquka.

31. Uthe ke kuso, Ukuba uMoses nabaprofeti ababeva, abayi koyiseka, nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 16