24. Samemeza sona sathi, Bawo, Abraham, ndénzele inceba, uthume uLazaro, ukuba athi nkxu incam yomnwe wakhe emanzini, aphozise ulwimi lwam; ngokuba ndiyathuthunjelwa kweli langatye.
25. Uthe ke uAbraham, Mntwana wam, khumbula ukuba wena wazifincelela ebomini bakho izinto zakho ezilungileyo, noLazaro ngokukwanjalo izinto ezimbi; ngoku ke yena úyathuthuzelwa, wena ke ùyathuthunjelwa.
26. Kananjalo ngaphandle kwale nto yonke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze aba bathanda ukuphumela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako; bathi nabalapho, bangabi nakuwelela kuthi.
27. Sathi, Ndiyakucela ngoko, bawo, ukuba umthume endlwini kabawo;
28. kuba ndinabazalwana abahlanu; ukuba abaqononondise, ukuze bangàthi nabo beze kule ndawo yentuthumbo.
29. Athi uAbraham kuso, BanoMoses nabaprofeti, mabeve bona.
30. Sithe ke sona, Hayi, bawo Abraham; ukuba kuthe kwaya kubo ovela kwabafileyo, boguquka.
31. Uthe ke kuso, Ukuba uMoses nabaprofeti ababeva, abayi koyiseka, nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo.