Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 16:24-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Samemeza sona sathi, Bawo, Abraham, ndénzele inceba, uthume uLazaro, ukuba athi nkxu incam yomnwe wakhe emanzini, aphozise ulwimi lwam; ngokuba ndiyathuthunjelwa kweli langatye.

25. Uthe ke uAbraham, Mntwana wam, khumbula ukuba wena wazifincelela ebomini bakho izinto zakho ezilungileyo, noLazaro ngokukwanjalo izinto ezimbi; ngoku ke yena úyathuthuzelwa, wena ke ùyathuthunjelwa.

26. Kananjalo ngaphandle kwale nto yonke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze aba bathanda ukuphumela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako; bathi nabalapho, bangabi nakuwelela kuthi.

27. Sathi, Ndiyakucela ngoko, bawo, ukuba umthume endlwini kabawo;

28. kuba ndinabazalwana abahlanu; ukuba abaqononondise, ukuze bangàthi nabo beze kule ndawo yentuthumbo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 16