Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 15:8-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Kanjalo nguwuphi na umfazi eneedrarhima* zilishumi, ongethi, ukuba ithe yalahleka enye idrarhima, alumeke isibane, ayitshayele indlu, afune enyamekile, ade ayifumane?

9. Athi akuyifumana, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene idrarhima ebindilahlekile.

10. Ngokukwanjalo ndithi kuni, kubakho uvuyo emehlweni ezithunywa zikaThixo ngomoni eba mnye oguqukayo.

11. Ke kaloku wathi, Umntu othile ube enoonyana ababini.

funda isahluko epheleleyo Uluka 15