Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 15:21-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Wathi ke unyana kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho; andisafanele kubizwa ngonyana wakho.

22. Uthe ke uyise kubakhonzi bakhe, Rholani ingubo ende, eyona intle, nimambathise, nifake umsesane esandleni sakhe, neembadada ezinyaweni zakhe.

23. Nizise ithole, eliyá lityetyisiweyo, nixhele; sidle, sibe nemihlali.

24. Ngokuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa. Baqala ke ukuba nemihlali.

25. Ke kaloku unyana wakhe omkhulu ebesentsimini; wathi xa azayo, wasondela endlwini, weva ukugwala nokududa.

26. Wabizela kuye omnye kubakhonzi, wambuza ukuba zingaba ziyini na ezi zinto.

27. Uthe ke yena kuye, Umninawa wakho ufikile; uyihlo ke uxhele ithole, eliyá lityetyisiweyo; ngokuba ebuye wamzuzu ephilile.

28. Waqumba ke, akavuma nokungena.Uphumile ke uyise wambongoza.

29. Waphendula ke yena wathi kuyise, Uyabona, le minyaka ingakanana ndiyakukhonza, andizanga ndigqithe mthetho wakho; ukanti akuzanga undinike netakane eli, ukuze ndenze imihlali nezam izihlobo;

30. kodwa xenikweni afikileyo lo nyana wakho, wayidlayo wayigqiba impilo yakho namahenyukazi, ùmxheléle ithole eliyá lityetyisiweyo.

31. Uthe ke yena kuye, Mntwana wam, wena uhleli unam, nazo zonke izinto zam zezakho.

32. Besimelwe kukuthi senze imihlali ke, sivuye; ngokuba umninawa wakho lo ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa.

funda isahluko epheleleyo Uluka 15