Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 15:14-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Akubon' ukuba udle konke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe, waqala ukuswela naye.

15. Waya wanamathela komnye kubemi belo zwe; wathi yena wamthumela emihlabeni yakhe, ukuba aye kwalúsa iihagu.

16. Ubenqwenela ke ukusizalisa isisu sakhe ngeengxam ezabe zidliwa ziihagu; bekungekho mntu umphayo.

17. Ke kaloku, akuba nokuziqonda, wathi, Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo, ábadikwa zizonka; nanku ke mna ndiphela yindlala?

18. Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho.

19. Andisafanele kubizwa ngonyana wakho; ndénze ndibe njengomnye kubaqeshwa bakho.

20. Wesuka weza kuyise.Ke kaloku, akubon' ukuba usekude lee, uyise wambona, wasikwa yimfesane, wagidima, wawa entanyeni yakhe, wamanga.

21. Wathi ke unyana kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho; andisafanele kubizwa ngonyana wakho.

22. Uthe ke uyise kubakhonzi bakhe, Rholani ingubo ende, eyona intle, nimambathise, nifake umsesane esandleni sakhe, neembadada ezinyaweni zakhe.

23. Nizise ithole, eliyá lityetyisiweyo, nixhele; sidle, sibe nemihlali.

24. Ngokuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa. Baqala ke ukuba nemihlali.

funda isahluko epheleleyo Uluka 15