Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 15:13-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Kuthe kungekabi ntsuku zininzi, wahlanganisa into yonke unyana omnci, wesuka kwelakowabo, waya ezweni elikude; wathi khona apho wayichitha impahla yakhe ngentlalo yokuzibhubhisa.

14. Akubon' ukuba udle konke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe, waqala ukuswela naye.

15. Waya wanamathela komnye kubemi belo zwe; wathi yena wamthumela emihlabeni yakhe, ukuba aye kwalúsa iihagu.

16. Ubenqwenela ke ukusizalisa isisu sakhe ngeengxam ezabe zidliwa ziihagu; bekungekho mntu umphayo.

17. Ke kaloku, akuba nokuziqonda, wathi, Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo, ábadikwa zizonka; nanku ke mna ndiphela yindlala?

18. Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho.

19. Andisafanele kubizwa ngonyana wakho; ndénze ndibe njengomnye kubaqeshwa bakho.

20. Wesuka weza kuyise.Ke kaloku, akubon' ukuba usekude lee, uyise wambona, wasikwa yimfesane, wagidima, wawa entanyeni yakhe, wamanga.

funda isahluko epheleleyo Uluka 15