Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 15:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, babesondela kuye bonke ababuthi berhafu naboni, ukuba bamve.

2. Babekrokra ke abaFarisi nababhali, besithi, Lo wamkela aboni, adle nabo.

3. Wathetha ke kubo lo mzekeliso, esithi,

4. Nguwuphi na umntu kuni othi, enekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, angazishiyi ezingamashumi asithoba anesithoba entlango, asinge kuleyo ilahlekileyo, ade ayifumane?

5. Athi ke akuyifumana, ayibeke emagxeni akhe, evuya.

6. Athi akufika ekhaya, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene imvu yam ebilahlekile.

funda isahluko epheleleyo Uluka 15