Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 14:4-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Bathi quthu ke bona. Wamthabatha, wamphilisa, wamndulula.

5. Wabaphendula wathi, Lelikabani na kuni apha iesile, nokuba yinkomo, eya kweyela equleni, aze angayirholi kwaoko ngomhla wesabatha?

6. Bakhohlwa ukumphendula kwezo zinto.

7. Ke kaloku wathetha umzekeliso kwababemenyiwe, akugqala ukunyula kwabo izilili zobukhulu;

8. wathi kubo, Xa uthe wamenyelwa emsithweni ngubani, musa ukungqengqa esililini sobukhulu; hleze obekekileyo kunawe abe ubemenyiwe nguye,

9. eze lowo ubenimemile, athi kuwe, Khwelela lo mntu; uze uqale ukuthabatha indawo esekugqibeleni udanile.

10. Yithi xa uthe wamenywa, uye uhlale endaweni esekugqibeleni, ukuze, xa athe weza lowo ukumemileyo, athi kuwe, Sihlobo, nyukela ngasentla; wandule ke ukuba nozuko emehlweni abo bahleli ndawonye nawe.

11. Ngokuba wonke umntu oziphakamisayo, uya kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa.

12. Wayesithi ke nakulowo ummemileyo, Xa sukuba usenza isidlo sasemini, nokuba sesangokuhlwa, musa ukubiza izihlobo zakho, nabazalwana bakho, nemizalwane yakho, nabamelwane abazizityebi; hleze nabo babuye bakumeme, ize oko kube yimbuyekezo kuwe.

13. Yithi xa sukuba usenza isidlo, umeme amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama;

14. wòba nentsikelelo; ngokuba àbanako ukubuyekeza kuwe; kuba ùya kubuyekezwa wena eluvukweni lwamalungisa.

funda isahluko epheleleyo Uluka 14